Home 5 News 5 Ingathetha ukuthini i-SEZ ephumeleleyo kumashishini ase-Atlantis

11 July 2019

English version here.

Afrikaans version here.

Kuqikelelwa ukuba ngo-2030, i-$ 90 zama-trillion ziza kutyalwa ($90 USD trillion would have been invested) ku-(qoqosho) lwe green economy jikelele. I-Atlantis SEZ yeGreen Technologies (Atlantis SEZ for Green Technologies), eyasungulwa nguMongameli uCyril Ramaphosa ( by President Cyril Ramaphosa) kwe yoMnga (December) 2018, ijolise ekusebenziseni elithuba ukutsala utyalo-mali lwangaphandle kunye nolwasekhaya, kananjalo, ukudala imisebenzi kunye nokuphuhlisa uqoqosho lwengingqi.

I-SEZ ehlabathini lonke zijongene nemingeni enzima, ngelishwa uninzi lwazo  aziphumeleli. Nangona kunjalo, i-Atlantis SEZ eyimpumelelo inokutsala utyalo-mali olumalunga ne R3.7 billion ngo-2030, kwaye idale nemisebenzi eyi-3000. Ukuzokuthi ga ngoku, ummandla sele utsale i-R700 yezigidi ekutyalo-mali kwaye idale imisebenzi efikelela kwi-312.

Kumashishini ase-Atlantis asebenza ngaphandle kwalo mmandla, i-SEZ ephumeleleyo iya kuba nenzuzo ezithe ngqo.

Enye yenzuzo  luphuhliswo lweziseko zengingqi (njengeendlela, amanethiwekhi ombane kunye nokuxhumeka kwe-intanethi). E-Atlantis, ukulungiswa kweziseko ezixhasayo kummandla we-Atlantis Industria neSixeko saseKapa sele kukhokelele ekuphuculweni kombane, (ngokusebenzisa intambo ye-fiber optic) kunye neenkqubo zothutho loluntu (nge-MyCiti Bus System)).

I-SEZ ephumeleleyo iza kuthetha ukuqhubeka kunye nokukhula kotyalo-mali kumashishini asekuhlaleni nokuphuhlisa izakhono. Isicwangciso esicetywayo se-SEZ siquka inkxaso eqhubekayo kumashishini athembisayo asaqalayo, ukuqeqeshwa kwiindawo ezizodwa kunye nentsebenziswano nolutsha lwenginqi yase Atlantis. Konke oku kukuba lungiselela ukuba bazuze kumathuba anikezelwa yi-SEZ. Ukuzokuthi ga ngoku , abantu abangaphezu kwe-700 abatsha baye bathatha inxaxheba kwimizamo yokuphuhlisa izakhono zolutsha (njenge-Ikamva Youth Tutoring Programme, i- Atlantis Renewable Energy Challenge ne-Career Expo).

Inzuzo enokufunyanwa ngabatyalimali bamazwe ngamazwe abaphuhlisa uveliso lwe-SEZ, ngamathuba entsebenziswano nabaphuhlisi jikelele. Kumashishini ase-Atlantis anikeza iinkonzo , i-SEZ ephumeleleyo ingaba yindela yokubanceda boyise izithintelo.  Umzekelo, amashishini ase-Atlantis anganika amashishini asebenza kwi-SEZ iinkonze eziveliswe ngapakati nakwamanye amazwe. Ukuze athabathe eli thuba elizayo, amashishini kuza kufuneka akhupisane, abenamaxabiso anomtsalane, kwaye umgangatho kunye neminikelo yenkonzo ziphucuke ukuphendule iizicelo zeziphakamiso ezivela kubatyali-mali.

Amashishini angakwazi njani ukuthabatha amathuba kummandla?

Amathuba ommandla aya kubandakanya:

  1. Ukuba ngumtyali-zimali we-SEZ kwaye ufikelele kwi-mikhuthazo ye-SEZ yesizwe. Oku kuya kufumaneka kumashishini afaka isicelo kunye nomsebenzi omtsha okanye ukwandiswa kwezobuchwepheshe obuhlaza. Ulwazi olungakumbi lufumaneka apha (here ).
  2. Ukuba ngumboneleli okanye umnikezeli nkonzo kubatyali mali kummandla. Abatyalimali kulo mmandla baza kufuna iimfuno kunye neenkonzo eziza kuzuza ngokuthe ngqo kwiimarike.
  3. Ukuba ngumniki-nkonzo kumphathi kunye nemisebenzi ye-SEZ ngokwayo. Ukuphuhlisa nokusebenza kwe-SEZ kuya kufuna iinkonzo ezahlukeneyo zokuxhasa ukuba i-SEZ yokusebenza isebenze ngokuthe ngqo.

Ngokwezicwangciso ezicetywayo ze-SEZ, ulwazi kwiithenda kunye nokuthengwa kufuneka kufumaneke ngeendlela ezahlukeneyo zokuqinisekisa ukufikelela okulinganayo kunye nokulingana kwamathuba. Okwangoku, amathuba ethenda kunye nokuthengwa kwamathuba abelwe ngeendlela ezichanekileyo, kunye nezicwangciso ezicetywayo zokudala i-portal ye-intanethi ngamathuba, nokuqhubeka nokuxhamla amathuba, ulwazi kunye neendaba nge-imeyile, kunye neendaba zoluntu.

A batyali mali , ulawulo lwe-Atlantis SEZ, kunye naziphi na iinkampani ezihambelanayo zilandela iindlela zabo ezifanelekileyo zokuthengwa ngqo. Oku kuthetha ukuba iithenda zithunyelwa kwi-intanethi kwi webhusayithi ethile yeziko kunye / okanye kwi-portal ithenda, njengethenda yakutshanje (recent tender) ekwabelwana yiWesgro (Wesgro). I-Wesgro inikwe igunya nguRhulumente wePhondo ukuseka iqumrhu lokulawula i-Atlantis SEZ.

Kwe yeNkanga (November) ku -2018, ingxoxo ntlanganiso (workshop) yoluntu malunga nokuphuhliswa kwamashishini yagqamisa umnqweno we-portal kwi-intanethi ukuqinisekisa ukuba abachaphazelekayo baya kuhlala befumana ulwazi olutsha kunye namathuba e-zandleni zabo, kwaye banako ukuphonononga ulwazi oluhlobene ne-SEZ. Oku kuye kwaqulunqwa kwisicwangciso esicetywayo sokuba i-SEZ isiphumeze.

Indima ye-Atlantis SEZ yoluntu-nxaxheba kwiNethiwekhi (ASEZ-CSN)

Inxaxheba ephambili ye-ASEZ-CSN kukumela iimfuno zoluntu kunye namashishini kwimicimbi enxulumene ne-Atlantis SEZ, kwaye enze njengendlela yokuxhumana phakathi kwe-Atlantis SEZ kunye noluntu lwasekuhlaleni.

Amalungu e-ASEZ-CSN, aya kuthi aziswe kuluntu ngomhla we-18 kuJulayi 2019 [uqhagamshelweyo kwesaziso] uya kujonga kwakhona amanyathelo omnxeba wezeNtlalo anikwe ngu-ASEZ, ukuze kuqinisekiswe ukuba kukho amathuba oluntu, kuquka ukufikelela ekuqeqeshweni, uphuhliso lwamashishini kunye nomsebenzi.

Yintoni elandelayo kushishino lwendawo?

Amashishini anomdla kumathuba akhuthazwa ukuba aqaphele iwebhusayithi yeWesgro (Wesgro), ii-portals ezizimeleyo kunye nekhasi lethutyana lewebhu le-SEZ (SEZ webpage). Bafanele kwakhona babhalise kwiNgcaciso kaRhulumente waseNtshona Koloni (Western Cape Government Supplier Database) kunye neenkcukacha zoqhagamshelwano (the central supplier database).

Ukufumana ulwazi oluthe xaxe malunga nentlanganiso yoluntu ezayo ngomhla we-18 kweye khala (July), nceda uqhagamshelane noCharlotte Perang [email protected] ([email protected])